Menu
Purchase This Book
This is an external link.
Share To Socials

Intlabi Iwuphuncule Umkhonto

Published By - Sibongile Maputi

Book Description


Imitshato emininzi bayibulele abantwana ekusukwa nabo ngaphandle, ingakumbi iziza-nanina. Isizananina silubetha uthando luvuthuluke tu emzini. Inene kukuba ayikho indoda ethanda umntwana wenye, okanye eyonwabela ukukhulisa umntwana ongengowayo. Abantwana abaninzi namakhosikazi amaninzi nangakumbi bonzakele yile nto. Le yeminye yemingeni esithe isizwe sayiphathelwa kukusebenza ezidolophini kwamlungu, salahleka isiNtu, balahleka ubuntu, walahleka nomntu. Umntwana uyacelwa, kusakugqitywa acetyelwe ikamva ngabazali ababini. Asikho isizathu sokuba amantombazanana abeleke abantwana bengacelwanga ngamadoda, ingakumbi umntu engaphangeli okanye esangena isikolo. Xa kungakhange kubekho mvisiswano, uvalonzala lukarhulumente luyafumaneka simahla kumaziko empilo. Umntwana ongacetyelwanga ngumthwalo, yaye akanalo ikamva emzini. Fundani bantwana bethu.