Menu
Purchase This Book
This is an external link.
Share To Socials

Imbuyekezo Yobusela Sisisele

Published By - Sibongile Maputi

Book Description


Ukutyiwa kwemali yoburhulumente eBhishornkulwenzile uqhushululu lwenkohlakalo, nolukhokhelele abaninzi eziseleni.rnBayisenga imibele karhulumente abantu eBhisho sele kungatsitsi nto. Bambirnbajongana ngezikhondo zamehlo, babulalana, besebenza kunye. Bambalwa ke abanturnabakwaziyo ukubuyekeza ubugebenga obuqulethwe kule ncwadi ngobuntu. Ukuhlalarnkwethu akuyivumeli loo nto, ngokwenziwa yindlala nomona. Kumaxesha amaninzirnumntu akukunyathela, intshisakalo kukuziphindezela ngamandla, yaye ukuba ubanirnuthe wabonakalisa ubuthathaka, abantu bempindezelo bakhangela ukumosela.rnKwakufudula kungenjalo eli lizwe lisaphethwe ngootata. Kwakubethelelwa imbekornnokuxabisa umntu. Athi umntu nokuba uneempawu zobulwanyana, zinqande iinkondernnamanyange, zimana ukuthi: "ngumntu lo". Injalo nje ootata bangajongi nambuyekezo,rnokanye ukuba ubani unantoni, wenze ntoni ngezolo, nje egameni lokuba ingumntu,rnuyaxabiseka. Fundani bantwana bethu.